FAQ - isiXhosa

4 • Ukuba uyaqhubeka nokuhlawula imirhumo yakho yobulungu, kwaye awuphikisani neSicelo saseNkundleni neziza kwamkelwa ngaphantsi kwaso iinguqu kubulungu, kuya kuthathwa ngokuba usamkele isiphakamiso se-inshorensi esikwisivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya okanye kwisivumelwano se-inshorensi seThari ya Baruti Pukwana ya Kganya. • Isivumelwano sakho se-inshorensi sePukwana ya Kganya okanye isivumelwano se-inshorensi seThari ya Baruti Pukwana ya Kganya siya kuqalisa ukusebenza ngomhla woku-1 Janyuwari 2023, ukuba ngaba iNkundla Ephakamileyo izamkele iinguqu kubulungu bakho ngomhla wesi- 3 Agasti 2022. Kufuneka wenze ntoni ukuze iinguqu kubulungu bakho ziqale ukusebenza? • Akhonto omele uyenze. • Ngenxa yeenguqu ezenziwa kubulungu bakho, abaphathi beThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo baya kuya kwiNkundla Ephakamileyo yaseMzantsi Afrika ukuba yamkele iinguqu. Kuthathwe onke amanyathelo okuqinisekisa ukuba iinzuzo zakho zihlala zisafana kwaye oko kusemdleni kuwe njengelungu elingumxhamli kukhuselwe futhi akusayi kuchaphazeleka ngendlela engentlanga ngenxa yeenguqu ezidingekayo. Yintoni iSicelo saseNkundleni? • Ukuze zamkelwe iinguqu ezenziwa kwiThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo nakumalungelo akho obulungu, abaphathi beThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo baya kufaka isicelo kwiNkundla Ephakamileyo yaseMzantsi Afrika (iCandelo laseGauteng, ePretoria) ngokwemimiselo yecandelo le-13 lomthetho iTrust Property Control Act onguNombolo 57 ka-1988 (Trust Property Control Act 57 of 1988) (" iSicelo saseNkundleni ") ukuba yamkele iinguqu. • Inkundla Ephakamileyo kananjalo iyakuthathela ingqalelo isiphakamiso esenziwe nguSanlam ngokwemimiselo yesivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya nesivumelwano se- inshorensi seThari ya Baruti Pukwana ya Kganya, nayo yonke eminye imiba enjalo enxulumene neenguqu njengoko zichaziwe kwiSicelo saseNkundleni. • Inkundla Ephakamileyo iyakuthi ke ngoko iqwalasele iinguqu ezo ngononophelo, ize iqinisekise ukuba oko kusemdleni kuwe njengelungu elingumxhamli kuhlala kukhuselwe. • Isicelo saseNkundleni sikhutshiwe ukusuka kwiNkundla Ephakamileyo yaseMzantsi Afrika, iCandelo laseGauteng, ePretoria, ngaphantsi kwetyala elingunombolo 62972/2021 . Ingaba kukho into ekumele ndiyenze ngokubhekiselele kwiSicelo saseNkundleni? • Hayi, ngaphandle kokuba ufuna ukuphikisa iinguqu. • Ukuba ngaba ufuna ukuziphikisa iinguqu, ungakwenza oko ngokungenisa isaziso senjongo yokuphikisa iSicelo saseNkundleni kwiNkundla Ephakamileyo yaseMzantsi Afrika (iCandelo laseGauteng, ePretoria) ngomhla okanye ngaphambi komhla wama- 20 Julayi 2022 . • Ukuba ngaba ungenise isaziso senjongo yokuphikisa iSicelo saseNkundleni, isaziso eso kufuneka kananjalo sihanjiswe kumagqwethwa walowo ofake isicelo, iWebber Wentzel ase-90 Rivonia Road, Sandton, 2196, okanye sithunyelwe nge-imeyile ku- [Kganya@webberwentzel.com ], sibhekiswe ku-Z Swanepoel / D Prinsloo. Kwisaziso sakho senjongo yokuphikisa kufuneka ukhethe idilesi apho ufuna ukufumana khona noya kufumana kuyo ezinye izazizo namaxwebhu anxulumene neSicelo saseNkundleni, dilesi leyo ekufuneka ukuba ibekumgama weekhilomitha ezili-15 ukusuka enkundleni (“ iDilesi ”). • Nceda uqaphele ukuba xa uthe wangenisa isaziso senjongo yokuphikisa ngaphambi komhla wama-20 Julayi 2022, kuya kufuneka ungenise incwadi efungelweyo ephendulayo kwiNkundla Ephakamileyo yaseMzantsi Afrika (iCandelo laseGauteng, ePretoria) kwiintsuku ezili- 15 zenkundla (iintsuku zokusebenza) emva koko, uze kananjalo uhambise ikopi yalo ncwadi kumagqwetha walowo ufake isicelo, iWebber Wentzel Attorneys ngokweenkcukacha ezilapha ngasentla.

RkJQdWJsaXNoZXIy MTI4MTE=