FAQ - isiXhosa

3 • Isivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya yipolisi ye-inshorensi ebhaliswe ngaphantsi kweSanlam Developing Markets Limited. • Ukuba ngaba ulilungu elingumxhamli leThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo, uyakufumana isivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya esiya kukunikeza iinzuzo ezikhuselweyo ebezikade zifunyanwa kwiThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo. • Nceda uqaphele ukuba isivumelwano se-inshorensi yePukwana ya Kganya sineepolisi ze- inshorensi ezimbini nezinikezelwa njengenxenye yakho yobulungu kwiThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo: o iPolisi Yokungcwaba yePukwana ya Kganya yeenzuzo zokungcwaba; kunye o nePolisi yeZifo Ezikhulu kunye neZehlo zeNgozi yePukwana ya Kganya yeenzuzo zezifo ezikhulu kunye nezehlo zengozi kuwe. • Iinzuzo ozifumana ngokwemimiselo yesivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya ziyafana neenzuzo ezikhuselweyo ozifumana njengangoku kwiThrasti yeKganya eyiNgxowa- mali yeeNzuzo. Yintoni iSivumelwano seThari ya Baruti Pukwana ya Kganya? • Isivumelwano se-inshorensi seThari ya Baruti Pukwana ya Kganya yipolisi ye-inshorensi ebhaliswe ngaphantsi kweSanlam Developing Markets Limited. • Ukuba ngaba uligosa lecawe yaseZCC kwaye ulilungu elingumxhamli leThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo, uyakufumana isivumelwano se-inshorensi seThari ya Baruti Pukwana ya Kganya esiya kukunikeza iinzuzo ezikhuselweyo ebezikade zifunyanwa kwiThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo. • Isivumelwano se-inshorensi seThari ya Baruti Pukwana ya Kganya sineepolisi ze-inshorensi ezimbini nezinikezelwa njengenxenye yakho yobulungu kwiThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo: o iPolisi Yokungcwaba yeThari ya Baruti Pukwana ya Kganya yeenzuzo zokungcwaba; kunye o nePolisi yeZifo Ezikhulu kunye neZehlo zeNgozi yeThari ya Baruti Pukwana ya Kganya yeenzuzo zezifo ezikhulu kunye nezehlo zengozi kuwe. • Iinzuzo ozifumana ngokwemimiselo yesivumelwano se-inshorensi seThari ya Baruti Pukwana ya Kganya ziyafana neenzuzo ezikhuselweyo ozifumana njengangoku kwiThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo. Ngubani uSanlam? • USanlam Developing Markets Limited yinkampani ye-inshorensi yobomi enelayisenisi ngaphantsi kwemimiselo yomthetho i-Insurance Act, onguNombolo 18 ka-2017 (Insurance Act, 18 of 2017), umboneleli ogunyazisiweyo weenkonzo zemali onenombolo ye-FSP engu-11230 kwaye yinkampani ye-inshorensi eya kunikeza amalungu angabaxhamli iinzuzo ze-inshorensi ngokwemimiselo yesivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya kunye nesivumelwano se-inshorensi seThari ya Baruti Pukwana ya Kganya. USanlam uya kunikezela njani ngeepolisi ze-inshorensi kum njengelungu elingumxhamli? • USanlam wenze isiphakamiso kuwo onke amalungu angabaxhamli sokuba angene kwisivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya kunye nesivumelwano se-inshorensi seThari ya Baruti Pukwana ya Kganya. • Akukho senzo sidingekayo kuwe njengelungu elingumxhamli ukwamkela isivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya okanye isivumelwano se-inshorensi seThari ya Baruti Pukwana ya Kganya, kodwa kufuneka uqhubeke nokuhlawula imirhumo yakho yobulungu .

RkJQdWJsaXNoZXIy MTI4MTE=