FAQ - isiXhosa

5 • Isicelo saseNkundleni siya kumanyelwa ngomhla wesi- 3 Agasti 2022 , okanye kwimeko apho uthe wasiphikisa iSicelo saseNkundleni, ngomhla oya kumiselwa yiRejistra yeNkundla Ephakamileyo. Amagqwetha alowo Ufake Isicelo aya kukwazisa ngalo mhla (ukutsho oko umhla oya kumiselwa yiRejistra yeNkundla Ephakamileyo) ngokuba akuthumelele isaziso esichaza umhla kwiDilesi. • Siyaphinda sithi, ukuba ngaba awusiphikisi iSicelo saseNkundleni, akukhonto kudingeka ukuba uyenze . Kwenzeka ntoni ukuba ngaba iNkundla Ephakamileyo iyasamkela iSicelo saseNkundleni? Ziya kuqala nini ukuphunyezwa iinguqu? • Ukuba iNkundla Ephakamileyo iyasamkela iSicelo saseNkundleni, iinguqu ziyakuqala ukusebenza ukusuka ngomhla woku-1 Janyuwari 2023 (" Umhla Wokuqalisa "). Ukuba ngaba iinguqu ezenziwa kubulungu ziye zaphunyezwa, kuya kwenzeka ntoni? • Onke amalungu angabaxhamli aya kuqhubeka nokuba ngamalungu eThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo. • Onke amalungu angabaxhamli aya kufumana isivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya okanye isivumelwano se-inshorensi seThari ya Baruti Pukwana ya Kganya esiya kunikezela ngeenzuzo ezikhuselweyo ezibhaliswe ngaphantsi kukaSanlam. • Onke amalungu angabaxhamli kufuneka aqhubeke nokuhlawula imirhumo yabo yobulungu. • IThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo, ukusuka kwimirhumo yobulungu – o iyakuhlawulela onke amalungu angabaxhamli ayihlawuleyo imirhumo yabo yobulungu imirhumo eSanlam ngokwesivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya kunye nesivumelwano se-inshorensi seThari ya Baruti Pukwana ya Kganya; o iyakwenza umnikelo eZCC; o iyakunikezela kwaye/okanye ukufumana kuyo iinzuzo zeLeeto la Moria, uncedo lwasecaleni kwendlela, iinzuzo zolungiselelo lomngcwabo kunye neenzuzo zovavanyo lwempilo entle (kumalungu ekomiti yecawa angamalungu angabaxhamli); kwaye o iyakunikezela ukukwazi ukufumana ezinye iinzuzo ezinikezwa ngokokubona kwayo kwanezokuphucula isimo ukwenzela amalungu eThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo kunye neCawe yeZCC. Ingaba incwadana yakho yobulungu iya kutshintsha ngenxa yeenguqu? • Ukuba ngaba iNkundla Ephakamileyo iyasamkela iSicelo saseNkundleni, uya kufumana incwadana enemimiselo nemiqathango emitsha yobulungu ephathelele kumalungelo akho obulungu, kwaye nanjengobungqina bobulungu bakho kwiThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo. Incwadana yakho enemimiselo nemiqathango emitsha yobulungu iyakuqala ukusebenza ukusuka ngomhla woku-1 Janyuwari 2023. • Incwadana enemimiselo nemiqathango emitsha yobulungu iya kuthatha indawo yayo yonke imimiselo nemiqathango yobulungu ekhoyo ngoku kwiThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo ukusuka ngoMhla Wokuqalisa. • Incwadana enemimiselo nemiqathango emitsha iya kunikwa onke amalungu angabaxhamli njengangoku ngaphandle kwentlawulo . • Musa ukuyilahla incwadi yakho yangoku yobulungu nanjengoko incwadi yakho yobulungu yangoku iya kuqhubeka nokusetyenziswa njengencwadana yeerisithi zentlawulo apho ziya kurekhodwa khona zonke iirisithi. Incwadi yakho yangoku yobulungu kananjalo iyakuqhubeka isebenza ngokubhekiselele kwiinkcukacha ezikwiFomu i-MPP kunye/okanye iFomu i-AMPP; iinkcukacha zazo naziphi iiRisithi zeLeeto la Moria; kunye neenkcukacha zabo nabaphi abantwana abaxhamla ngaphantsi kwakho.

RkJQdWJsaXNoZXIy MTI4MTE=