FAQ - isiXhosa

FAQ - isiXhosa IMIBUZO EBUZWA RHOQO MALUNGA NEENGUQU KUBULUNGU KWITHRASTI YEKGANYA EYINGXOWA-MALI YEENZUZO Ndifumene isaziso malunga neenguqu kubulungu bam kwiThrasti yeKganya eyiNgxowa- mali yeeNzuzo. Bungantoni obu bulungu? Ukuba ngaba ulilungu leThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo, isaziso sibhekiswe kuwe. Ukuba ngaba awulilo ilungu leThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo, nceda ungasinanzi isazizo. Ndifumene isaziso malunga neenguqu kubulungu bam kwiThrasti yeKganya eyiNgxowa- mali yeeNzuzo. Ingaba ndiza kuhlala ndililungu leThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo? • Ukuba ngaba ulilungu leThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo, uyakuhlala ulilungu leThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo. • Uya kufaneleka kwaye uqhubeke nokufaneleka ukuba lilungu elingumxhamli, eliselungelweni lokufumana iinzuzo zeThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo, oko nje uyihlawula imirhumo yakho yanyanga zonke yobulungu. Ndifumene isaziso malunga neenguqu kubulungu bam kwiThrasti yeKganya eyiNgxowa- mali yeeNzuzo. Zeziphi iinguqu eziza kwenziwa kubulungu bam? • Njengangoku, onke amalungu angabaxhamli beThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo afumana ikhava yeenzuzo zomngcwabo, iinzuzo zezifo ezikhulu nezezehlo zengozi (" iinzuzo ezikhuselweyo ") ngaphantsi kweepolisi zeqela ezifunyanwa kwiThrasti zize zibhaliswe ngaphantsi kukaSanlam Developing Markets Limited (" Sanlam "). • Kodwa ke, ngenxa yotshintsho kumthetho wee-inshorensi, iThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo kunye noSanlam azisenakuqhubeka kunye neepolisi zeqela. • IThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo ke ngoko ayisayi kuqhubeka ikwazi ukunikezela kwaye/okanye ifumanise kuyo iinzuzo ezikhuselweyo ngendlela yeepolisi zeqela. Nakuba kunjalo, iinzuzo zakho ezikhuselweyo aziyi kulahleka kodwa kumele kwenziwe iinguqu ezithile kubulungu bakho . • Ukuze kuphunyezwe iinguqu ezikhankanyiweyo, ukwenziwa kweenguqu kwincwadi yeThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo, kunye nokutshintshwa kunye/okanye ukurhoxisa nokufakwa kwemimiselo emitsha ekhutshwa yiThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo, kuyadingeka. Ezi nguqu zichaphazela iinzuzo ezikhuselweyo; kunye nezinye iinzuzo ezifana neenzuzo zeLeeto la Moria, iinzuzo zoncedo lwasecaleni kwendlela, iinzuzo zolungiselelo lomngcwabo; kunye neenzuzo zovavanyo lwempilo entle (kumalungu ekomiti yecawa angamalungu angabaxhamli) (" iinzuzo ezingakhuselwanga "). • Iinguqu kubulungu bakho ngokunxulumene neenzuzo ezikhuselweyo zimi ngale ndlela: o Njengelungu elingumxhamli uya kufumana isivumelwano se-inshorensi yePukwana ya Kganya, okanye isivumelwano se-inshorensi seThrari ya Baruti Pukwana ya Kganya kumalungu ekomiti angamalungu angabaxhamli, esibhaliswe ngaphantsi kukaSanlam, uze ube ngumnikazi wepolisi yaseSanlam eneenzuzo ezikhuselweyo ezifanayo nezo bezinikezwa yiThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo ngaphambili ngokwemimiselo yeepolisi zeqela. Yifunde ngononophelo imimiselo nemiqathango yesivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya kunye neyesivumelwano se- inshorensi seThari ya Baruti Pukwana ya Kganya, nanjengoko yahlukile kwimimiselo nemiqathango yeThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo. o Utshintsho olwenziwe kwiThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo kunye nakwimimiselo yeThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo luya kutshintsha kuphela indlela amalungu angabaxhamli afumana ngayo iinzuzo ezikhuselweyo. Oku

RkJQdWJsaXNoZXIy MTI4MTE=