FAQ - isiXhosa

6 • Xa igcwele incwadi yakho yangoku yobulungu, okanye ilahlekile, uyakunikwa incwadana yeerisithi zentlawulo entsha ngokuhlawula intlawulo yexabiso eliqhelekileyo lokuyithenga. • Oku kuthetha ukuba, ukusuka ngomhla woku-1 Janyuwari 2023 uyakuba neencwadana ezimbini, ezizezi,– o incwadana enemimiselo nemiqathango emitsha yobulungu; kunye o nencwadi yakho yangoku yobulungu, neya kuqhubeka isetyenziswa njengencwadana yeerisithi zentlawulo de kube lixesha apho udinga incwadana yeerisithi zentlawulo entsha okanye eyenye. Ndingazifumana phi iinkcukacha ezingaphezulu? • Nceda uqhagamshelane neziko leminxeba laseKIA ku-0800 000 538 xa ngaba udinga iinkcukacha ezingaphezulu ngeSicelo saseNkundleni, ubume kwanempembelelo yeenguqu ezicetywayo kwakunye nemiqathango yesivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya kunye nesivumelwano se-inshorensi seThari ya Baruti Pukwana ya Kganya esiza kukhutshwa nguSanlam. • Ngaphezu koko, nceda uqaphele ukuba ikopi yeSicelo saseNkundleni, nequka incwadi yethrasti enezilungiso, ikopi yencwadana yemigaqo nemimiselo yobulungu kunye nemigaqo nemimiselo yesivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya, kwakunye namanye amaxwebhu abalulekileyo, iya kufumaneka ukuze zikwazi ukujongwa kwiziko leenkonzo laseKIA elikufutshane nawe nakwiwebhusayithi yaseKIA ku-www.mykganya.com. Iinkcukacha malunga neendawo zamaziko eenkonzo aseKIA ziyafumaneka ku-www.mykganya.com . Inkxaso yeZCC • Nceda uqaphele ukuba Lowo Ubekekileyo uMfundisi Omkhulu onguBhishophu Gqirha B E Lekganyane: o uyazixhasa iinguqu ezenziwa kwiThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo kunye nemimiselo yeThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo; kwaye o umxhasa ngokupheleleyo uSanlam njengenkampani ezibhaliswe ngaphantsi kwakhe iinzuzo ze-inshorensi nowenza isiphakamiso kuwe ngokwesivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya kunye nesivumelwano se-inshorensi seThari ya Baruti Pukwana ya Kganya. • Onke amalungu angabaxhamli angahlala enesiqinisekiso sokuba iinzuzo azinikwayo njengangoku yiThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo ziya kuhlala zikhuselekile.

RkJQdWJsaXNoZXIy MTI4MTE=