FAQ - isiXhosa

2 kuya kwenzeka ngokuba indawo yeenzuzo ezisemthethweni ezifunyanwa kwiThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo njengangoku ithathwe – § lilungelo elisemthethweni leThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo ngokubhekiselele kukuhlawulwa kwemirhumo; kunye § nelungelo leSanlam ngokwemimiselo yesivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya okanye isivumelwano se-inshorensi seThari ya Baruti Pukwana ya Kganya ngokubhekiselele kwiinzuzo ezikhuselweyo. o Njengelungu elingumxhamli, ungahlala uqinisekile ukuba iThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo iya kuyihlawula imirhumo eSanlam xa nje usaqhubeka nokuwuhlawula umrhumo wakho wanyanga zonke wobulungu kwiThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo. Nceda uqaphele: Ukuba ngaba awuwuhlawuli umrhumo wakho wobulungu kwiThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo, iThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo ayisayi kuyihlawula imirhumo ngokwemimiselo yesivumelwano sakho sePukwana ya Kganya eSanlam kwaye iinzuzo ezikhuselweyo zakho ezinexabiso zingatshona . o Ngokufumana isivumelwano se-inshorensi yePukwana ya Kganya okanye isivumelwano se-inshorensi seThari ya Baruti Pukwana ya Kganya, ukuba unebango elibhekiselele kuyo nayiphi na kwiinzuzo ezikhuselweyo, kumele ibango ulifake eSanlam. Nakuba kunjalo ibango lakho liyakuba lelamlelekileyo kuphela ukuba uyayifezekisa imimiselo nemiqathango yesivumelwano se-inshorensi yePukwana ya Kganya okanye yesivumelwano se-inshorensi seThari ya Baruti Pukwana ya Kganya. Oku kudinga ukuba, phakathi kwezinye izinto, kufuneka uhlawule imirhumo yakho yanyanga zonke yobulungu kwiThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo. o IKganya Insurance Administrators (RF) Proprietary Limited iya kuqhubeka nokulawula iinzuzo ezikhuselweyo. Oku kuthetha ukuba akuyi kubakho mahluko kwindlela aphathwa ngayo amabango eenzuzo ezikhuselweyo. • Iinguqu kubulungu bakho ngokunxulumene neenzuzo ezingakhuselwanga zimi ngale ndlela: o IThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo iyakwenza umnikelo, ngokuthatha kumrhumo wakho wanyanga zonke wobulungu, eZCC egameni lakho njengelungu elingumxhamli. o IThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo iya kuqhubeka nokunikeza kunye/okanye ukufumana kuyo iinzuzo ezingakhuselwanga, eziziinzuzo zeLeeto la Moria, iinzuzo zoncedo lwasecaleni kwendlela, iinzuzo zolungiselelo lomngcwabo kunye neenzuzo zovavanyo lwempilo entle (kumalungu ekomiti yecawa angamalungu angabaxhamli) ngendlela efanayo ngqo . Ingaba kumele ndiqhubeke nokuhlawula imirhumo yam yobulungu? Ingaba iza kutshintsha imirhumo yam yobulungu? • Njengelungu leThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo, kufuneka uqhubeke nokuhlawula umrhumo wakho wanyanga zonke wobulungu kumasebe awohlukeneyo eCawe. Nanjengoko kusisiqhelo ukuza kuthi ga ngoku, uya kunikwa irisithi xa uhlawula umrhumo wakho wanyanga zonke wobulungu. • Iikomiti zecawe ziya kufaka oko kufunyenwe kwimirhumo yobulungu kwi-akhawunti yasebhankini ebhaliswe ngegama leThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo. • Ngokuhlawula imirhumo yakho yanyanga zonke yobulungu, uqinisekisa ubulungu bakho kwiThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo njengelungu elingumxhamli. • Nceda uqaphele ukuba imirhumo yakho yanyanga zonke yobulungu iya kuhlala ifana kwaye ayisayi kutshintsha okanye ichaphazeleke ngenxa yeenguqu. Yintoni isivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya?

RkJQdWJsaXNoZXIy MTI4MTE=