2022 Communications Flyer XH

• Kodwa ke, ngenxa yotshintsho kumthetho wee-inshorensi, iThrasti kunye noSanlam azisenakuqhubeka kunye neepolisi zeqela. • IThrasti ke ngoko ayisayi kuqhubeka ikwazi ukunikezela kwaye/okanye ifumanise kuyo iinzuzo ezikhuselweyo ngendlela yeepolisi zeqela. Nakuba kunjalo, aziyi kulahleka iinzuzo zakho ezikhuselweyo xa kuphunyeza iinguqu ezi . • Xa kuphunyezwa iinguqu ezi, kumele kuqatshelwe oku kulandelayo: o Njengelungu elingumxhamli uya kufumana isivumelwano se-inshorensi yePukwana ya Kganya (okanye iSivumelwano seThari ya Baruti Pukwana ya Kganya kumalungu ekomiti angamalungu angabaxhamli ), esibizwa apha ngokuhlangeneyo ngokuba " sisivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya ", ebhaliswe ngaphantsi kukaSanlam, kwaye ube ngumnikazi wepolisi yaseSanlam eneenzuzo ezikhuselweyo ezifanayo nezo bezinikezwa yiThrasti ngaphambili ngokwemimiselo yeepolisi zeqela. Imimiselo nemiqathango yesivumelwano se-inshorensi yePukwana ya Kganya kufuneka iqwalaselwe ngononophelo nanjengoko yahlukile kwimimiselo nemiqathango yeThrasti. o Iinguqu ezenziwe kwiThrasti kunye nakwimimiselo yeThrasti ngoko ke ziya kutshintsha kuphela indlela amalungu angabaxhamli akwazi ngayo ukufumana iinzuzo ezikhuselweyo, neyakuba kukuba indawo yeenzuzo ezisemthethweni ezifunyanwa kwiThrasti njengangoku ithathwe i) lilungelo elisemthethweni leThrasti ngokubhekiselele kukuhlawulwa kwemirhumo; kunye ii) nelungelo leSanlam ngokwemimiselo yesivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya ngokubhekiselele kwiinzuzo ezikhuselweyo. o Njengelungu elingumxhamli, ungahlala uqinisekile ukuba iThrasti iya kuyihlawula imirhumo eSanlam xa nje usaqhubeka nokuhlawula umrhumo wakho wanyanga zonke wobulungu kwiThrasti. Nceda uqaphele : Ukuba ngaba awuwuhlawuli umrhumo wakho wobulungu kwiThrasti, iThrasti ayisayi kuyihlawula imirhumo ngokwemimiselo yesivumelwano sakho sePukwana ya Kganya eSanlam kwaye iinzuzo ezikhuselweyo zakho ezinexabiso zingatshona. o Ngokufumana isivumelwano se-inshorensi yePukwana ya Kganya, ukuba unebango elibhekiselele kuyo nayiphi na kwiinzuzo ezikhuselweyo, kumele ibango ulifake eSanlam. Nakuba kunjalo ibango lakho liyakuba lelamlelekileyo kuphela ukuba uyayifezekisa imimiselo nemiqathango yesivumelwano se-inshorensi yePukwana ya Kganya. Oku kudinga ukuba, phakathi kwezinye izinto, kufuneka uhlawule imirhumo yakho yanyanga zonke yobulungu kwiThrasti. o IKganya Insurance Administrators (RF) Proprietary Limited (“ KIA ”) iya kuqhubeka nokulawula iinzuzo ezikhuselweyo. Oku kuthetha ukuba akuyi kubakho mahluko kwindlela aphathwa ngayo amabango eenzuzo ezikhuselweyo. o Nceda uqaphele ukuba isivumelwano se-inshorensi yePukwana ya Kganya siyakuba neepolisi ze-inshorensi ezimbini nezinikezelwa njengenxenye yakho yobulungu kwiThrasti: - iPolisi Yokungcwaba yePukwana ya Kganya (okanye iPolisi Yokungcwaba yeThari ya Baruti Pukwana ya Kganya kumalungu ekomiti yecawa angamalungu angabaxhamli) yeenzuzo zokungcwaba; kunye - nePolisi yeZifo Ezikhulu kunye neZehlo zeNgozi yePukwana ya Kganya (okanye iPolisi yeZifo Ezikhulu kunye neZehlo zeNgozi yeThari ya Baruti Pukwana ya Kganya kumalungu ekomiti yecawa angamalungu angabaxhamli) yeenzuzo zezifo ezikhulu kunye nezehlo zengozi kuwe. Ezinye iinzuzo zobulungu kwiThrasti xa iinguqu ziphunyeziwe • IThrasti iyakwenza umnikelo, ngokuthatha kumrhumo wakho wanyanga zonke wobulungu, eZCC egameni lakho njengelungu elingumxhamli. • IThrasti iya kuqhubeka nokunikeza kunye/okanye ukufumana kuyo iinzuzo ezingakhuselwanga, eziziinzuzo zeLeeto la Moria, iinzuzo zoncedo lwasecaleni kwendlela, iinzuzo zolungiselelo lomngcwabo kunye neenzuzo zovavanyo lwempilo entle (kumalungu ekomiti yecawa angamalungu angabaxhamli) ngendlela efanayo ngqo. Yintoni iSicelo saseNkundleni? • Isicelo saseNkundleni yinqubo apho iThrasti izakuthi yenze izilungiso kwincwadi yayo kunye nakwimimiselo yeThrasti ngaphandle kokuvunywa ngamalungu angabaxhamli njengabaxhamli abasemthethweni beThrasti, ngokuvunywa yiNkundla Ephakamileyo yaseMzantsi Afrika (iCandelo laseGauteng, ePretoria). Inkundla Ephakamileyo kananjalo iyakuthathela ingqalelo isiphakamiso esenziwe nguSanlam ngokwemimiselo yesivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya, nayo yonke eminye imiba enjalo enxulumene neenguqu njengoko zichaziwe kwiSicelo saseNkundleni.

RkJQdWJsaXNoZXIy MTI4MTE=