2022 Communications Flyer XH

• Ukuba uyaqhubeka nokuhlawula imirhumo yakho yobulungu, kwaye awuphikisani neSicelo saseNkundleni, kuya kuthathwa ngokuba usamkele isiphakamiso se-inshorensi esikwivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya kwaye isivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya siya kuqalisa ngoMhla Wokuqalisa. • KwiSicelo saseNkundleni, iNkundla iya kucelwa ukuba iyalele ukuba uSanlam unegunya lokuba akunike ipolisi, kwanokuba uSanlam enze njalo. Ingaba incwadana yakho yobulungu iya kutshintsha ngenxa yeenguqu? • Ukuba ngaba iNkundla Ephakamileyo iyasamkela iSicelo saseNkundleni, uya kufumana incwadana enemimiselo nemiqathango emitsha yobulungu ephathelele kumalungelo akho obulungu, kwaye nanjengobungqina bobulungu bakho kwiThrasti. Incwadana yakho enemimiselo nemiqathango emitsha yobulungu iyakufumaneka ukusuka ngoMhla Wokuqalisa. • Incwadana enemimiselo nemiqathango emitsha yobulungu iya kuthatha indawo yayo yonke imimiselo nemiqathango yobulungu kwiThrasi ukusuka ngoMhla Wokuqalisa. • Incwadana enemimiselo nemiqathango emitsha iya kunikwa onke amalungu angabaxhamli njengangoku ngaphandle kwentlawulo . • Musa ukuyilahla incwadi yakho yangoku yobulungu nanjengoko incwadi yakho yobulungu yangoku iya kuqhubeka nokusetyenziswa njengencwadana yeerisithi zentlawulo apho ziya kurekhodwa khona zonke iirisithi. Incwadi yakho yangoku yobulungu kananjalo iyakuqhubeka isebenza ngokubhekiselele kwiinkcukacha ezikwiFomu i-MPP kunye/okanye iFomu i-AMPP; iinkcukacha zazo naziphi iiRisithi zeLeeto la Moria; kunye neenkcukacha zabo nabaphi abantwana abaxhamla ngaphantsi kwakho. • Xa igcwele incwadi yakho yangoku yobulungu, okanye ilahlekile, uyakunikwa incwadana yeerisithi zentlawulo entsha ngokuhlawula intlawulo yexabiso eliqhelekileyo lokuyithenga. • Oku kuthetha ukuba, ukusukela kuMhla Wokuqalisa uyakuba neencwadana ezimbini, ezizezi,– o incwadana enemimiselo nemiqathango emitsha yobulungu; kunye o nencwadi yakho yangoku yobulungu, neya kuqhubeka isetyenziswa njengencwadana yeerisithi zentlawulo de kube lixesha apho udinga incwadana yeerisithi zentlawulo entsha okanye eyenye. Ndingazifumana phi iinkcukacha ezingaphezulu? Nceda uqhagamshelane neziko leminxeba laseKIA ku-0800 000 538 xa ngaba udinga iinkcukacha ezingaphezulu ngeSicelo saseNkundleni, ubume kwanempembelelo yeenguqu kwakunye nemiqathango yesivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya esiza kukhutshwa nguSanlam. Ngaphezu koko, nceda uqaphele ukuba ikopi yeSicelo saseNkundleni, nequka incwadi yethrasti enezilungiso, ikopi yencwadana yemigaqo nemimiselo yobulungu kunye nemigaqo nemimiselo yesivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya, kwakunye namanye amaxwebhu abalulekileyo, iya kufumaneka ukuze zikwazi ukujongwa kwiziko leenkonzo laseKIA elikufutshane nawe nakwiwebhusayithi yaseKIA ku-www.mykganya.com. Iinkcukacha malunga neendawo zamaziko eenkonzo aseKIA ziyafumaneka ku-www.mykganya.com. Inkxaso yeZCC Nceda uqaphele ukuba mna: • ndiyaluxhasa utshintsho olwenziwa kwiThrasti kunye nemimiselo yeThrasti; kwaye • ndimxhasa ngokupheleleyo uSanlam njengenkampani ezibhaliswe ngaphantsi kwakhe iinzuzo ze-inshorensi nowenza isiphakamiso kuwe ngokwemimiselo yesivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya. Onke a malungu angabaxhamli angahlala enesiqinisekiso sokuba iinzuzo azinikwayo njengangoku yiThrasti ziya kuhlala zikhuselekile. Lowo Ubekekileyo uMfundisi Omkhulu onguBhishophu Gqirha B E Lekganyane Umhla: 28 / 02 / 2022

RkJQdWJsaXNoZXIy MTI4MTE=