2022 Communications Flyer XH

• Isicelo saseNkundleni sikhutshiwe ukusuka kwiNkundla Ephakamileyo yaseMzantsi Afrika, iCandelo laseGauteng, ePretoria, ngaphantsi kwetyala elingunombolo 62972/2021. • Ukuba ngaba ufuna ukuziphikisa iinguqu, ungakwenza oko ngokungenisa isaziso senjongo yokuphikisa iSicelo saseNkundleni kwiNkundla Ephakamileyo yaseMzantsi Afrika (iCandelo laseGauteng, ePretoria) ngomhla okanye ngaphambi komhla wama-20 Julayi 2022. • Ukuba ngaba ungenise isaziso senjongo yokuphikisa iSicelo saseNkundleni, isaziso eso kufuneka kananjalo sihanjiswe kumagqwethwa walowo ofake isicelo, iWebber Wentzel ase-90 Rivonia Road, Sandton, 2196, okanye sithunyelwe nge-imeyile ku-Kganya@webberwentzel.com, sibhekiswe ku-Z Swanepoel / D Prinsloo. Kwisaziso sakho senjongo yokuphikisa kufuneka ukhethe idilesi apho ufuna ukufumana khona noya kufumana kuyo ezinye izazizo namaxwebhu anxulumene neSicelo saseNkundleni, dilesi leyo ekufuneka ukuba ibekumgama weekhilomitha ezili-15 ukusuka enkundleni (“iDilesi”). • Nceda uqaphele ukuba xa uthe wangenisa isaziso senjongo yokuphikisa ngaphambi komhla wama-20 Julayi 2022, kuya kufuneka ungenise incwadi efungelweyo ephendulayo kwiNkundla Ephakamileyo yaseMzantsi Afrika (iCandelo laseGauteng, ePretoria) kwiintsuku ezili-15 zenkundla (iintsuku zokusebenza) emva koko, uze kananjalo uhambise ikopi yalo ncwadi kumagqwetha walowo ufake isicelo, iWebber Wentzel Attorneys ngokweenkcukacha ezilapha ngasentla. • Isicelo saseNkundleni siya kumanyelwa ngomhla wesi-3 Agasti 2022, okanye kwimeko apho uthe wasiphikisa iSicelo saseNkundleni, ngomhla oya kumiselwa yiRejistra yeNkundla Ephakamileyo. Amagqwetha alowo Ufake Isicelo aya kukwazisa ngalo mhla (ukutsho oko umhla oya kumiselwa yiRejistra yeNkundla Ephakamileyo) ngokuba akuthumelele isaziso esichaza umhla kwiDilesi. • Ukuba ngaba awusiphikisi iSicelo saseNkundleni, akukhonto kudingeka ukuba uyenze . Kwenzeka ntoni ukuba ngaba iNkundla Ephakamileyo iyasamkela iSicelo saseNkundleni? Ziya kuqala nini ukuphunyezwa iinguqu? • Ukuba iNkundla Ephakamileyo iyasamkela iSicelo saseNkundleni, iinguqu ziyakuqala ukusebenza ukusuka ngomhla woku-1 Janyuwari 2023 (" Umhla Wokuqalisa "). • Oku kuthetha ukuba, ngoMhla Wokuqalisa: o Onke amalungu angabaxhamli aya kuqhubeka nokuba ngamalungu eThrasti. o Onke amalungu angabaxhamli aya kufumana isivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya esiya kunikezela ngeenzuzo ezikhuselweyo. Isivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya siya kubhaliswa ngaphantsi kukaSanlam. o Onke amalungu angabaxhamli kufuneka aqhubeke nokuhlawula imirhumo yabo yobulungu. o IThrasti, ukusuka kwimirhumo yobulungu – - iyakuhlawulela imirhumo eSanlam onke amalungu angabaxhamli ayihlawuleyo imirhumo yabo yobulungu ngokwemimiselo yesivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya; - iyakwenza umnikelo eZCC; - iyakunikezela kwaye/okanye ukufumana kuyo iinzuzo zeLeeto la Moria, uncedo lwasecaleni kwendlela, iinzuzo zolungiselelo lomngcwabo kunye neenzuzo zovavanyo lwempilo entle (kumalungu ekomiti yecawa angamalungu angabaxhamli); kwaye - iyakunikezela ukukwazi ukufumana ezinye iinzuzo ezinikezwa ngokokubona kwayo kwanezokuphucula isimo ukwenzela amalungu eThrasti kunye neCawe yeZCC. Ngubani uSanlam? • USanlam yinkampani ye-inshorensi yobomi enelayisenisi ngaphantsi kwemimiselo yomthetho i-Insurance Act, onguNombolo 18 ka-2017 (Insurance Act, 18 of 2017), umboneleli ogunyazisiweyo weenkonzo zemali onenombolo ye-FSP engu-11230 kwaye yinkampani ye-inshorensi eya kunikeza amalungu angabaxhamli iinzuzo ze-inshorensi ngokwemimiselo yesivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya. USanlam uya kunikezela njani ngeepolisi ze-inshorensi zabantu ezintsha neziyinxalenye yesivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya kumalungu angabaxhamli? • USanlam uphakamisa ukuba wena njengelungu elingumxhamli ungene kwivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya. • Akukho senzo sidingekayo kuwe ukwamkela isivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya kodwa kufuneka uqhubeke nokuhlawula imirhumo yakho yobulungu.

RkJQdWJsaXNoZXIy MTI4MTE=