2022 Communications Flyer XH

Kwiminyaka engaphezulu kumashumi amabini eyadlulayo, ndakha iThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo (“ iThrasti ”) ukuze kuxhamle ibandla lase-ZCC. Ngaphantsi kobunkokheli bam iThrasti, iminyaka emininzi, yenze ukuba amalungu aseZCC ahlawula imirhumo yabo yobulungu yanyanga zonke kwaye angenasiphene kubulungu bawo (“ amalungu angabaxhamli ”) akwazi ukufumana iinzuzo ezibalulekileyo. Ezi nzuzo ziquka ikhava yomngcwabo ongaxabisi mali ininzi, eyezifo ezikhulu kunye nezehlo zengozi kuwe (“ iinzuzo ezikhuselweyo ”); kunye nezinye iinzuzo ezifana neenzuzo zeLeeto la Moria, iinzuzo zoncedo lwasecaleni kwendlela, iinzuzo zolungiselelo lomngcwabo; kunye neenzuzo zovavanyo lwempilo entle (kumalungu ekomiti yecawa angamalungu angabaxhamli) (" iinzuzo ezingakhuselwanga "). Ndikunye nabanye oogxa bam abangabaphathi beThrasti, maxa onke bendisoloko ndiqinisekisa ukuba imisebenzi eyenziwa yiThrasti izithobela ngokupheleleyo iimfuno zomthetho ofanelekileyo. Ukuqhubeka ifezekisa ezi mfuno zomthetho, iThrasti ayinandlela yimbi ngaphandle kokwenza iinguqu ezithile ngenxa yotshintsho kwimithetho ye-inshorensi nechaphazela indlela esebenza ngayo iThrasti. Ukwenziwa kweenguqu kwincwadi yeThrasti, kunye nokwenziwa kweenguqu kunye/okanye ukurhoxisa nokufakwa kwemimiselo emitsha ekhutshwa yiThrasi, ngoko ke kuyadingeka. Ukwenziwa kweenguqu kuya kuchaphazela iinzuzo ezikhuselweyo kwakunye nezo zingakhuselwanga (ngokuhlangeneyo " iinguqu "). Olu xwebhu lusisaziso seenguqu kubulungu bakho ngenxa yezo zilungiso zenziweyo. Iirekhodi zethu zibonisa ukuba ulilungu leThrasti kwaye ufanelekile njengelungu elingumxhamli. Ukuba ngaba awulilo ilungu leThrasti kwaye awufanelekanga njengelungu elingumxhamli, awumelanga ukuba usithathele ingqalelo esi saziso. Njengomphathi weThrasti, ndiyakuqinisekisa ukuba kuthathwe onke amanyathelo okuqinisekisa ukuba iinzuzo zakho zihlala zisafana kwaye oko kusemdleni kuwe njengelungu elingumxhamli kukhuselwe futhi akusayi kuchaphazeleka ngendlela engentlanga ngenxa yeenguqu ezidingekayo. Ukuze iinguqu ezi zamkelwe, abaphathi beThrasti baya kufaka isicelo kwiNkundla Ephakamileyo yaseMzantsi Afrika (iCandelo laseGauteng, ePretoria) ngokwemimiselo yecandelo le-13 lomthetho iTrust Property Control Act onguNombolo 57 ka-1988 (Trust Property Control Act 57 of 1988) (" iSicelo saseNkundleni ") ukuba yamkele iinguqu. Inkundla Ephakamileyo iyakuthi ke ngoko iqwalasele iinguqu ezo ngononophelo, ize iqinisekise ukuba oko kusemdleni kuwe njengelungu elingumxhamli kuhlala kukhuselwe. Injongo yesi saziso sibalulekileyo kukuchaza ngokubanzi iinguqu, kwakunye nempembelelo yazo kumalungelo akho obulungu njengelungu elingumxhamli. Ubulungu kwiThrasti • Ukuba ngaba ulilungu leThrasti, uya kuqhubeka uselilungu leThrasti. • Uya kufaneleka kwaye uqhubeke nokufaneleka ukuba lilungu elingumxhamli, eliselungelweni lokufumana iinzuzo zeThrasti, oko nje usayihlawula imirhumo yakho yanyanga zonke yobulungu. Ukuhlawulwa kwemirhumo yobulungu • Njengelungu leThrasti, kufuneka uqhubeke nokuhlawula umrhumo wakho wanyanga zonke wobulungu kumasebe awohlukeneyo eCawe. Nanjengoko kusisiqhelo ukuza kuthi ga ngoku, uya kunikwa irisithi xa uhlawula umrhumo wakho wanyanga zonke wobulungu. • Iikomiti zecawe ziya kufaka oko kufunyenwe kwimirhumo yobulungu kwi-akhawunti yasebhankini ebhaliswe ngegama leThrasti. • Ngokuhlawula imirhumo yakho yanyanga zonke yobulungu, uqinisekisa ubulungu bakho kwiThrasti njengelungu elingumxhamli. • Nceda uqaphele ukuba imirhumo yakho yanyanga zonke yobulungu iya kuhlala ifana kwaye ayisayi kutshintsha okanye ichaphazeleke ngenxa yeenguqu. Iinzuzo ezikhuselweyo: ikhava yomngcwabo, izifo ezikhulu kunye nezehlo zengozi kuwe • Njengangoku, onke amalungu angabaxhamli ebefumana ikhava yeenzuzo zomngcwabo, iinzuzo zezifo ezikhulu nezezehlo zengozi ngaphantsi kweepolisi zeqela ezifunyanwa kwiThrasti zize zibhaliswe ngaphantsi kukaSanlam Developing Markets Limited (“ Sanlam ”).

RkJQdWJsaXNoZXIy MTI4MTE=