2022 KBFT New Scheme Info Poster ISIXHOSA

B e n e f i t s F und T r u s t PUKWANA YA KGANYA ISAZISO ESIBALULEKILEYO SAMALUNGU ETHRASTI YE-KGANYA EYINGXOWA-MALI YEENZUZO ESIVELA KULOWO UBEKEKILEYO UMFUNDISI OMKHULU ONGUBHISHOPHU GQIRHA B E LEKGANYANE Njengelungu leThrasti yeKganya eyiNgxowa-mali yeeNzuzo (" iThrasti ") elingenasiphene kubulungu balo, amalungelo akho obulungu akwenza ukuba ufaneleke ukufumana iinzuzo zokungcwaba ongaxabisi mali ininzi, ikhava yezifo ezikhulu kunye nezehlo zengozi kuwe (“ iinzuzo ezikhuselweyo ”); kunye nezinye iinzuzo ezifana neenzuzo zeLeeto la Moria, iinzuzo zoncedo lwasecaleni kwendlela, iinzuzo zolungiselelo lomngcwabo kunye neenzuzo zovavanyo lwempilo entle (kumalungu ekomiti yecawa angamalungu angabaxhamli) (" iinzuzo ezingakhuselwanga "). Ngenxa yotshintsho kumthetho wee-inshorensi noluchaphazela indlela esebenza ngayo iThrasti, iThrasti ayinandlela yimbi ngaphandle kokuba yenze utshintsho oluthile kwindlela esebenza ngayo, ngokwenza iinguqu kwincwadi yeThrasti, kwakunye nokwenza iinguqu kunye/okanye ukurhoxisa nokufakwa kwemimiselo emitsha ekhutshwa yiThrasti (ngokuhlangeneyo " iinguqu "). Ezi nguqu ziza kuchaphazela amalungelo akho obulungu. Nceda utyelele icawa yasendaweni yakho uye kuthatha iphetshana elinolwazi olubalulekileyo olumalunga neenguqu kumalungelo akho obulungu. Kumele ulilande eli phetshana ngaphambi komhla we-6 Julayi 2022 . NGOKUSHWANKATHELAYO, OLU LWAZI LUBALULEKILE: • Ukuba ngaba ulilungu leThrasti, uyakuhlala ulilungu leThrasti. • Ukuba ngaba ufanelekile ukuba lilungu elingumxhamli uyakuhlala ulilungu elingumxhamli nokuba zithini na iinguqu, uselungelweni lokufumana iinzuzo zeThrasti, xa nje usaqhubeka nokuhlawula imirhumo yakho yanyanga zonke yobulungu . • Imirhumo yakho yanyanga zonke yobulungu iyakuhlala isafana kwaye ayisayi kutshintsha okanye ichaphazeleke ngenxa yeenguqu. • Njengangoku, onke amalungu angabaxhamli afumana ikhava yokungcwaba, eyezifo ezikhulu kunye nezehlo zengozi kuwe kwiipolisi zeqela ezibhaliswe ngaphantsi kukaSanlam Developing Markets Limited (" Sanlam "). Ngenxa yotshintsho kumthetho wee-inshorensi, iThrasti kunye noSanlam azisenakuqhubeka kunye neepolisi zeqela. • IThrasti ke ngoko ayisayi kuqhubeka ikwazi ukunikezela kwaye/okanye ifumanise kuyo iinzuzo ezikhuselweyo ngendlela yeepolisi zeqela. Nakuba kunjalo, aziyi kulahleka iinzuzo zakho ezikhuselweyo xa kuphunyezwa iinguqu . • Xa kuphunyezwa iinguqu, kumele kuqatshelwe oku kulandelayo: o Njengelungu elingumxhamli uya kufumana isivumelwano se-inshorensi yePukwana ya Kganya (okanye isivumelwano se-inshorensi yeThrari ya Baruti Pukwana ya Kganya kumalungu ekomiti angamalungu angabaxhamli), esibizwa ngokuhlangeneyo ngokuba " sisivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya ", esibhaliswe ngaphantsi kukaSanlam. Uyakuba ngumnikazi wepolisi yaseSanlam eneenzuzo ezikhuselweyo ezifanayo nezo bezinikezwa yiThrasti ngaphambili ngokwemimiselo yeepolisi zeqela. USanlam uphakamisa ukuba wena njengelungu elingumxhamli ungene kwivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya. o Iinguqu ziya kutshintsha kuphela indlela amalungu angabaxhamli akwazi ngayo ukufumana iinzuzo ezikhuselweyo, neyakuba kukuba indawo yeenzuzo ezisemthethweni ezifunyanwa kwiThrasti njengangoku ithathwe , i) lilungelo elisemthethweni leThrasti ngokubhekiselele kukuhlawulwa kwemirhumo ngokwemimiselo yesivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya; kunye ii) nelungelo leSanlam ngokwemimiselo yesivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya ngokubhekiselele kwiinzuzo ezikhuselweyo. o Njengelungu elingumxhamli, iThrasti iya kuyihlawula imirhumo eSanlam xa nje usaqhubeka nokuhlawula umrhumo wakho wanyanga zonke wobulungu kwiThrasti . Ukuba ngaba awuwuhlawuli umrhumo wakho wobulungu kwiThrasti, iThrasti ayisayi kuyihlawula imirhumo eSanlam kwaye iinzuzo ezikhuselweyo zakho ezinexabiso zingatshona . o Ngokufumana isivumelwano se-inshorensi yePukwana ya Kganya, ukuba unebango elibhekiselele kuyo nayiphi na kwiinzuzo ezikhuselweyo, kumele ibango ulifake eSanlam. o Akuyi kubakho mahluko kwindlela aphathwa ngayo amabango eenzuzo ezikhuselweyo. o IThrasti iyakwenza umnikelo, ngokuthatha kumrhumo wakho wanyanga zonke wobulungu, eZCC egameni lakho njengelungu elingumxhamli. o IThrasti iya kuqhubeka nokunikeza kunye/okanye ukufumana kuyo iinzuzo ezingakhuselwanga ngendlela efanayo ngqo. UKWAMKELWA KWEENGUQU • Ukuphumeza iinguqu, kudingeka ukuba kwenziwe izilungiso kwincwadi yethrasti kunye nakwimimiselo yeThrasti. Iinguqu ezi, kodwa ke, kufuneka zamkelwe yiNkundla Ephakamileyo yaseMzantsi Afrika (iCandelo laseGauteng, ePretoria). Inkundla Ephakamileyo kananjalo iyakuthathela ingqalelo isiphakamiso esenziwe nguSanlam ngokwemimiselo yesivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya, nayo yonke eminye imiba enjalo enxulumene neenguqu. • KwiSicelo saseNkundleni, iNkundla iya kucelwa ukuba iyalele ukuba uSanlam unegunya lokuba akunike ipolisi, kwanokuba uSanlam enze njalo. • Abaphathi beThrasti baya kufaka isicelo kwiNkundla Ephakamileyo yaseMzantsi Afrika (iCandelo laseGauteng, ePretoria) malunga nokwamkelwa kweenguqu (" Isicelo saseNkundleni "). • Isicelo saseNkundleni sikhutshiwe ukusuka kwiNkundla Ephakamileyo yaseMzantsi Afrika, iCandelo laseGauteng, ePretoria, ngaphantsi kwetyala elingunombolo 62972/2021. • Ukuba ngaba ufuna ukuziphikisa iinguqu , ungakwenza oko ngokungenisa isaziso senjongo yokuphikisa iSicelo saseNkundleni kwiNkundla Ephakamileyo yaseMzantsi Afrika (iCandelo laseGauteng, ePretoria) ngomhla okanye ngaphambi komhla wama-20 Julayi 2022. • Ukuba ngaba ungenise isaziso senjongo yokuphikisa iSicelo saseNkundleni, isaziso eso kufuneka kananjalo sihanjiswe kumagqwethwa walowo ofake isicelo, iWebber Wentzel ase-90 Rivonia Road, Sandton, 2196, okanye sithunyelwe nge-imeyile ku-kganya@webberwentzel.com , sibhekiswe ku-Z Swanepoel / D Prinsloo. • Kwisaziso sakho senjongo yokuphikisa kufuneka ukhethe idilesi apho ufuna ukufumana khona noya kufumana kuyo ezinye izazizo namaxwebhu anxulumene neSicelo saseNkundleni, dilesi leyo ekufuneka ukuba ibekumgama weekhilomitha ezili-15 ukusuka enkundleni (“iDilesi”). • Ukuba ngaba ungenise isaziso senjongo yokuphikisa ngomhla okanye ngaphambi komhla wama-20 Julayi 2022, kufuneka ungenise incwadi efungelweyo ephendulayo kwiintsuku ezili-15 zenkundla (iintsuku zokusebenza) emva koko, uze kananjalo uhambise ikopi yalo ncwadi kumagqwetha walowo ufake isicelo, iWebber Wentzel ngokweenkcukacha ezilapha ngasentla. • Isicelo saseNkundleni siya kumanyelwa ngomhla wesi-3 Agasti 2022, okanye kwimeko apho uthe wasiphikisa iSicelo saseNkundleni, ngomhla oya kumiselwa yiRejistra yeNkundla Ephakamileyo. Amagqwetha alowo Ufake Isicelo aya kukwazisa ngalo mhla ngokuba akuthumelele isaziso esichaza umhla kwiDilesi. • Ukuba ngaba awusiphikisi iSicelo saseNkundleni, akukhonto kudingeka ukuba uyenze . ZIYA KUQALA NINI UKUPHUNYEZWA IINGUQU? • Ukuba iNkundla Ephakamileyo iyasamkela iSicelo saseNkundleni, iinguqu ziyakuqala ukusebenza ukusuka ngomhla woku-1 Janyuwari 2023 (" Umhla Wokuqalisa "). • Oku kuthetha ukuba iinguqu kubulungu bakho, kunye nakwisivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya, ziya kuqala ukusebenza ukusuka ngoMhla Wokuqalisa. UNGAZIFUMANA PHI IINKCUKACHA EZINGAPHEZULU? • Tyelela iCawa yasendaweni yakho ufumane iphetshana elinolwazi olubalulekileyo. • Kananjalo ungaqhagamshelana neziko leminxeba laseKIA ku-0800 000 538. • Ikopi yeSicelo saseNkundleni, nequka incwadi yethrasti enezilungiso, ikopi yencwadana yemigaqo nemimiselo yobulungu kunye nemigaqo nemimiselo yesivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya, kwakunye namanye amaxwebhu abalulekileyo, iyafumaneka ukuze ukwazi ukusijonga kwiziko leenkonzo laseKIA elikufutshane nawe, neenkcukacha zalo ongazifumana ku-www.mykganya.com. Isicelo saseNkundleni kananjalo ungasifumana kwiwebhusayithi yeKganya ku-www.mykganya.com . INKXASO YE-ZCC Nceda uqaphele ukuba mna: • ndiyaluxhasa utshintsho olwenziwa kwiThrasti kunye nemimiselo yeThrasti; kwaye • ndimxhasa ngokupheleleyo uSanlam njengenkampani ezibhaliswe ngaphantsi kwakhe iinzuzo ze-inshorensi nowenza isiphakamiso kuwe ngokwemimiselo yesivumelwano se-inshorensi sePukwana ya Kganya. Onke amalungu angabaxhamli angahlala enesiqinisekiso sokuba iinzuzo azinikwayo njengangoku yiThrasti ziya kuhlala zikhuselekile. Lowo Ubekekileyo uMfundisi Omkhulu onguBhishophu Gqirha B E Lekganyane

RkJQdWJsaXNoZXIy MTI4MTE=